Uzakariya 6 XHO96

Umbono weenqwelo zokulwa ezine

1 Ndiphindile ke kwakhona ndakhangela ndabona iinqwelo ezine zokulwa ziphuma phakathi kweentaba ezimbini, ntaba ezo zizezobhedu.

2 Le yokuqala yayitsalwa ngamahashe abomvu, eyesibini itsalwa ngamahashe amnyama,

3 eyesithathu ke ingamahashe amhlophe, kanti ke le yesine yayitsalwa ngamahashe amvubo-mazimba.

4 Ndabuza apho kweso sithunywa sasithetha nam ndathi: “Nkosi yam, ngaba zithetha ntoni ezi zinto?”

5 Isithunywa siphendule sathi kum: “Le yimimoya emine esuka phambi kweNkosi yehlabathi liphela.

6 Laa nqwelo itsalwa ngamahashe amnyama iya kwelasentla, le yamahashe amhlophe ibheka ngasentshona, ize le yamahashe amvubo iye kwelasezantsi.”

7 La amvubo wona ayengasaziva selengxamele ukutyhutyha ihlabathi lonke. Isithunywa ke sathi kuwo: “Hambani nilityhutyhe ihlabathi lonke.” Aza ke alihamba lonke ihlabathi.

8 Ke kaloku sabhekisa kum sathi: “Laa mahashe aye kwelasentla asa uMoya wam khona.”

Isithsaba sikaYoshuwa

9 Ilizwi *likaNdikhoyo lafika kum lathi:

10 “Thatha ezaa zipho zivela kubathinjwa ababuye eBhabheli, uHeledayi, uTobhiya, noYedaya, uye nazo kwangaloo mini kwindlu kaYosiya unyana kaZefaniya.

11 Ngaloo golide nesiliva bayinikeleyo yenza isithsaba, uthwese umbingeleli omkhulu uYoshuwa unyana kaYozadaki.

12 Mxelele ukuba uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Umfo ekuthiwa lihlumelo uya kuhluma kule ndawo, ayivuse indlu kaNdikhoyo.

13 Ewe, nguye oya kuyakha indlu kaNdikhoyo, aze avathiswe ngobuhandiba, ahlale esihlalweni, alawule, abe ngumbingeleli apho esihlalweni sakhe. Ke kobakho imvisiswano phakathi kwesi sibini.’

14 Ke isithsaba siya kunikezelwa kuHeledayi, noTobhiya, noYedaya, kunye noHelem unyana kaZefaniya, ibe sisikhumbuzo endlwini kaNdikhoyo.

15 Abantu abahlala kwelikude baya kuza baze bancedise ekwakheni indlu kaNdikhoyo. Kwakuba njalo ke uya kuqonda ukuba ngenene uNdikhoyo onamandla onke undithumile kuwe. Le nto ke iya kwenzeka ukuba ulithobele ngenyameko izwi likaNdikhoyo uThixo wakho.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14