Uzakariya 5 XHO96

Umbono womqulu ophaphazelayo

1 Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela.

2 Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?”Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”

3 Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho.

4 UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”

Umbono womfazi osebhaskitini

5 Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”

6 Ndaza ndathi: “Yintoni na?”Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”

7 Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi.

8 Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.

9 Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.

10 Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”

11 Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14