1 Ndaphinda ndathi ndakukhangela ndabona nanko umfo phambi kwam ephethe esandleni sakhe intambo yokulinganisa.
2 Ndaza ndathi: “Uya phi?”Ke yena wathi kum: “Ndiza kulinganisa iJerusalem, ndifumanise ububanzi nobude bayo.”
3 Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye,
4 sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo.