3 Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye,
4 sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo.
5 Ndim ngokwam oya kuba ludonga lwayo lomlilo ndiyijikeleze, ubungangamsha bam bube ngaphakathi kwayo.’ Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”
6 “Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.
7 “Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.”
8 Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam.
9 Ndosuka ndiziheshe ezo zizwe ngesandla sam, ibe zizo ezixhatshazwa ngamakhoboka azo. Ke kaloku notsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.”