4 sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo.
5 Ndim ngokwam oya kuba ludonga lwayo lomlilo ndiyijikeleze, ubungangamsha bam bube ngaphakathi kwayo.’ Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”
6 “Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.
7 “Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.”
8 Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam.
9 Ndosuka ndiziheshe ezo zizwe ngesandla sam, ibe zizo ezixhatshazwa ngamakhoboka azo. Ke kaloku notsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.”
10 “Memeza ugcobe, ntombi eyiZiyon, kuba ndiyeza, ndaye ndiza kuhlala apho kuwe,” utsho uNdikhoyo.