16 Nazi ke izinto emanizenze: Thethani inyaniso omnye komnye. Gwebani ngobulungisa ezinkundleni zenu, nditsho ubulungisa obuzala uxolo.
17 Sanukuceba amayelenqe ngabamelwane benu, ningakuthandi ukufunga ubuxoki. Kaloku mna ndizithiyile zonke ezi zinto,” utsho uNdikhoyo.
18 Lafika kum ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:
19 “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”
20 UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi,
21 bathi abemi besinye isixeko baye kwesinye besithi: ‘Masihambe kwangoku siye kumbongoza uNdikhoyo, simnqule uNdikhoyo onamandla onke; nam ngokwam ndiya kuhamba.’
22 Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza eJerusalem, khon' ukuze zimnqule zimbongoze uNdikhoyo onamandla onke.”