1 Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi *abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.
2 Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo.
3 Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
4 Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
5 Bona bangabehlabathi, nemfundiso yabo ikwayeyasehlabathini. Yiyo ke loo nto libevayo ihlabathi.
6 Kodwa thina singabantwana bakaThixo. Ke umntu owazanayo noThixo uyasiva. Kodwa lowo ungengokaThixo akasiva. Siwuqonda ngaloo nto ke umahluko phakathi kwefuthe lenyaniso nefuthe lobuxoki.