10 Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso,
11 njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.
12 Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.
13 Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye
14 nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.
15 Kangangokuba ndandiqinisekile ngalo mbandela ndazimisela ukuba ndinityelele, ukuze nina nibe sethamsanqeni lokuba ndinihambele kabini.
16 Kaloku ndandizimisele ukuba ndinityelele kabini, xa ndiyayo naxa ndibuyayo eMakedoni, nize ke nina nindisize kuhambo lwam oluya kwelakwaJuda.