19 UNyana kaThixo, uYesu Krestu lo washunyayelwa kuni nguSilas noTimoti nam, akathi ewe-hayi, hayi-ewe, ngaxesha-nye. Endaweni yaloo nto unguewe kaThixo.
20 Unguewe kaThixo kuzo zonke izithembiso zakhe. Yiyo ke loo nto simdumisa uThixo sisithi “*Amen” ngaye uYesu Krestu.
21-22 NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.
23 UThixo uyandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingezi eKorinte yayikukwazelelela nina.
24 Andifuni ukunintlokothisa elukholweni. Ndiyasebenzisana nani ukuze nonwabe, lube ke phofu nokholo lwenu aluhexi.