7 Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.
8 Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila.
9 Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.
10 Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso,
11 njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.
12 Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.
13 Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye