6 Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.
7 Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye.
8 Kuba andinazintloni, nokuba lingade libe lithe kratya iqhayiya lam ngegunya esalinikwa yiNkosi. Ligunya lokunakha, asililo elokunidiliza.
9 Iileta zam sanukuzithatha ngokungathi ndizama ukunigrogrisa ngazo.
10 Kaloku abanye bathi: “Unesibindi nobuganga xa ebhala, kodwa asakufika yena buqu, ulitatasholo, nokuthetha kwakhe kuphuthile.”
11 Abo batshoyo mabaqonde le ndawo: ukufika kwam apho ndiya kwenza kwangale ndlela ndithetha ngayo xa ningekhoyo.
12 Ngenene, thina asingeze sazilinganisa nabo baziphakamisayo. Bazizityhakala! Bazilinganisa nabo ngokwabo, besebenzisa imigangatho abayimise kwangokwabo!