25 Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi.
26 Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo.
27 Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba.
28 Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.
29 Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.
30 Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.
31 UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki.