6 Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.
7 Ngoko ke, ukuze ndingakhukhumali likratshi ngenxa yezi zityhilelo zimangalisayo, ndabethwa ngesifo esaba sisithunywa sikaSathana ukuze sindintlithe ndingazingci ngokugqithisileyo.
8 Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum.
9 Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
10 Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
11 Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu!
12 Nizibone ngawenu amehlo iimpawu *zomthunywa ngemiqondiso yamandla nemimangaliso endathi rhoqo ukuyenza phakathi kwenu.