14 Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi.
15 Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo.
16 Iphunga laso liyabarhaxa abaya kwantshabalalo; silivumba elimnandi elidlisa ubomi kwabo basindiswayo. Ke, ngaba ngubani owufaneleyo lo msebenzi unje?
17 Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.