4 Le nto ndiyithetha kuba ndithembele ngokupheleleyo kuThixo ngenxa kaKrestu.
5 Le nto ayithethi kuthi ndinako ukuwenza ngokwam lo msebenzi. Amandla endinawo avela kuThixo.
6 Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.
7 Umthetho wakrolwa kumacwecwe elitye, baza ubuqaqawuli bukaThixo babonakala ukunikezelwa kwawo. Nangona ukukhanya okwakusebusweni bukaMosis kwakukokwexeshana, kwakuqaqambe kangangokuba amaSirayeli angabi nako ukumjonga. Ukuba umthetho lo wezisa ukufa wasungulwa ngobuqaqawuli obungako,
8 kubeka phi ke ukuqaqamba kwale meko intsha isungulwa nguMoya!
9 Ukuba ulungiselelo olubagwebayo abantu lwaluqaqambile, ngaba lubeka phi ke ukuqaqamba ulungiselelo olubenza msulwa abantu!
10 Ngenene isihomo ebesikho kumnqophiso omdala sitshitshisiwe ngenxa yokuba ngoku sifikile isihomo esindilekileyo kunaso.