7 Umthetho wakrolwa kumacwecwe elitye, baza ubuqaqawuli bukaThixo babonakala ukunikezelwa kwawo. Nangona ukukhanya okwakusebusweni bukaMosis kwakukokwexeshana, kwakuqaqambe kangangokuba amaSirayeli angabi nako ukumjonga. Ukuba umthetho lo wezisa ukufa wasungulwa ngobuqaqawuli obungako,
8 kubeka phi ke ukuqaqamba kwale meko intsha isungulwa nguMoya!
9 Ukuba ulungiselelo olubagwebayo abantu lwaluqaqambile, ngaba lubeka phi ke ukuqaqamba ulungiselelo olubenza msulwa abantu!
10 Ngenene isihomo ebesikho kumnqophiso omdala sitshitshisiwe ngenxa yokuba ngoku sifikile isihomo esindilekileyo kunaso.
11 Kaloku, ukuba nento yexeshana le yaba nesithozela, ibeka phi ke yona into ehlala ihleli!
12 Ngenxa yokuba ke sinethemba elinje sithetha ngesibindi.
13 Thina asifani noMosis. Yena wayefaka isigqubuthelo ebusweni, ukuze amaSirayeli angakuboni ukubengezela oko kude kuphele.