10 Lonke ixesha sisoloko sithwele ukufa kukaYesu, ukuze ubomi bakhe bubonakale kuthi ziqu.
11 Ewe, ngalo lonke ixesha sisoloko sisesichengeni sokufa ngenxa kaYesu, khon' ukuze ukudla kwakhe ubomi kubonakale ngathi bantu bafayo.
12 Ngoko ke, kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni kusebenza ubomi.
13 *IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo.
14 Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani.
15 Ewe, zilungiselelwe nina zonke ezi zinto, ukuze kuthi njengoko bebaninzi abenzelwa isisa, ngokunjalo nemibulelo ibe mininzi, kudunyiswa uThixo.
16 Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.