8 Ke, sithi sisezimbandezelweni zingasixini noko; sithingaze maxa wambi, kodwa singancami;
9 singqingwe ziintshaba, kodwa asize singabi namhlobo; sintlithwa kanobom, singafi noko.
10 Lonke ixesha sisoloko sithwele ukufa kukaYesu, ukuze ubomi bakhe bubonakale kuthi ziqu.
11 Ewe, ngalo lonke ixesha sisoloko sisesichengeni sokufa ngenxa kaYesu, khon' ukuze ukudla kwakhe ubomi kubonakale ngathi bantu bafayo.
12 Ngoko ke, kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni kusebenza ubomi.
13 *IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo.
14 Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani.