1 Ndithanda ukunazisa, mawethu, ngendlela esisebenze ngayo isisa sikaThixo kumabandla aseMakedoni.
2 Balingeke ngokugqithisileyo, iinkathazo zibavela ngapha nangapha; kodwa naxa kunjalo, babenochulumacho olukwangako, baza banikela ngezandla ezingenamkhinkqi, nangona bona ngokwabo beswele.
3 Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo.
4 Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda.
5 Banikele nangaphezu kokuba bendilindele mna! Baqale ngokunikela iziqu zabo eNkosini; baza ngokuvuma kukaThixo bazinikela bona ngokwabo nakum.