13-14 Andizami kuphungulela kuni umthwalo weengxaki zabanye, ngokunithwalisa umthwalo wabo. Kodwa njengoko nina nimi kakuhle ngoku, kulungile ukuba nibancede abo basweleyo, khon' ukuze xa nani nisweleyo banincede nabo. Ngale ndlela ke noba niphathana ngokufanayo,
15 njengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi:“Lowo ubuthe kakhulu akagqithisanga,nalowo ubuthe kancinci wanele.”
16 Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam.
17 Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni.
18 Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi.
19 Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.
20 Ndizamela ukuba kungabikho gxeke ngendlela endiwuphethe ngayo lo mcimbi weli phulo lingaka.