16 Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam.
17 Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni.
18 Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi.
19 Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.
20 Ndizamela ukuba kungabikho gxeke ngendlela endiwuphethe ngayo lo mcimbi weli phulo lingaka.
21 Injongo yam kukuba ndingathembeki kuThixo kuphela, koko ndithenjwe nangabantu.
22 Yiyo ke le nto ndimthuma kuni kunye nabanye. Yena ubesekuvavanyweni amaxesha ngamaxesha, ndamfumana enomdla ekuncediseni. Nanjengoko ekholisekile nini, usuke wanomdla ngakumbi ngoku.