3 Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo.
4 Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda.
5 Banikele nangaphezu kokuba bendilindele mna! Baqale ngokunikela iziqu zabo eNkosini; baza ngokuvuma kukaThixo bazinikela bona ngokwabo nakum.
6 Ngoko ke ndimcelile uTito, yena wawuqalayo lo msebenzi, ukuba awuqhube anincedise nide nilifeze eli phulo lomsebenzi wothando.
7 Niphuphuma izinto zonke: ukholo, ukuthetha, nolwazi, ngolangazelelo eninalo lokunceda, kwanothando enisithanda ngalo. Ngoko ke ndingavuya xa ninokubonakalisa izinwe zenu kweli phulo lothando.
8 Andinibekeli mthetho; nto nje ngokunikhuthaza ngomzekelo wabanye abantu, ndizama ukulola olwenu uthando.
9 Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.