1 Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda.
2 Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi.
3 Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile.
4 Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi.
5 Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.
6 Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
7 Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.