10 Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
11 Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.
12 Le nkonzo niyenzayo kaloku ayanele nje kukuhlangabezana neentswelo zabantu bakaThixo, koko ibanga ukuphuphuma kwemibulelo ebhekiswa kuThixo.
13 Abaninzi ke baya kumdumisa uThixo ngenxa yokucaca kwentembeko yenu, xa bebona ukumthobela kwenu nokunyaniseka kwenu kwiindaba ezimnandi zikaKrestu, nangobubele benu, kuba nisabelana nabo bonke abanye.
14 Bonithandazela ke benga banganibona ngenxa yesisa esikhulu anenzele sona uThixo.
15 Makabulelwe uThixo ngesipho sakhe esingaka.