4 Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi.
5 Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.
6 Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
7 Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
8 Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle,
9 njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:“Uwapha ngesisa amahlwempu;ububele belungisa buhlala buhleli.”
10 Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.