2 Khanindiphe nje le ndawo: Ngaba uMoya kaThixo namamkela ngenxa yokuba nenze okufunwa ngumthetho, okanye kwakungenxa yokuba naziva nazamkela iindaba ezimnandi?
3 Ningathini ukungabi nangqondo kangaka! Njengokuba naqala ngamandla oMoya kaThixo nje, ngaba ngoku senifuna ukugqibezela ngawenu amandla?
4 Ngaba izigigaba ezinjengezi naba nazo zafumana zabakho? Ngenene azizange zifane zehle nje!
5 Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
6 Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ngoAbraham ukuthi yena wakholwa kuThixo, waza ke uThixo wamenza ilungisa ngenxa yokukholwa kwakhe.
7 Nize niqaphele ke ukuba ngâbo bakholwayo abayinzala ka-Abraham ngenene.
8 IziBhalo zona kwangaphambili zakuphawula ukuba uThixo wozenza amalungisa iintlanga ngokukholwa. Zazivakalisa iindaba ezimnandi kuAbraham zisithi: “Ngawe uya kuzithamsanqelisa zonke iintlanga uThixo.”