2 Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono.
3 Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le.
4 Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.
5 UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:“Wena akuwafuni amadini neminikelo,yiyo loo nto undilungiselele umzimba.
6 Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;
7 ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”
8 Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.