7 ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”
8 Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.
9 Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini.
10 Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba.
11 Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono.
12 Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo.
13 Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe.