15 bengalikhumbuli ilizwe abalishiyileyo. Kaloku ngebabebuyele ukuba kwakunjalo.
16 Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.
17 Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe;
18 lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.”
19 Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.
20 Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.
21 Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.