19 Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.
20 Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.
21 Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.
22 Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe.
23 Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.
24 Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa.
25 Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje.