25 Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje.
26 Ingcikivo kaKrestu wayithatha njengento ebaluleke ngaphezu kwabo bonke ubutyebi baseJiputa, kuba wayenethemba lomvuzo ozayo.
27 Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo.
28 Ngokholo wamisela isidlo *sePasika. Wayalela ukuba makutshizwe imigubasi ngegazi, khon' ukuze isithunywa sokufa singawatshabalalisi amazibulo amaSirayeli.
29 Ngokholo amaSirayeli aluwela uLwandle oluBomvu ngokungathi ahamba emhlabeni owomileyo, kodwa wona amaJiputa eyela akuwalinganisa.
30 Lukholo olwadiliza iindonga zeJeriko, akuba amaSirayeli ezijikeleze iintsuku zasixhenxe.
31 Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.