15 Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi.
16 Lumkani kungathi kanti kukho umntu olihilihili, okanye ophandl' apha njengoEsawu. Kaloku yena waphulukana nobuzibulo bakhe ngenxa yokutya.
17 Kananjalo niyazi ukuba kamva wathi efuna ukuyibanga intsikelelo akamkeleka. Ewe, wayeyifuna nangeenyembezi, kodwa akayizuzanga, kuba akazange alifumane ithuba lokuguquka.
18 Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela,
19 nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo.
20 Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”
21 Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”