18 Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela,
19 nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo.
20 Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”
21 Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”
22 Hayi kaloku, nina niphambi kwentaba iZiyon, nomzi kaThixo ophilayo, iJerusalem yaphezulu enamawaka-waka ezithunywa zezulu. Nifikile kwitheko
23 leenginginya yeendlalifa zikaThixo ezingabemi baphezulu. Ewe, niphambi koThixo ongumgwebi wabo bonke, naphambi koomoya bamalungisa asulungekileyo.
24 Nifikile kuYesu unozakuzaku womnqophiso omtsha. Ukuchitheka kwelakhe igazi kusiphathele izinto ezinkulu kunelika-Abheli.