3 Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.
4 Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.
5 Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;futhi sukutyhafa yakukululeka.
6 Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”
7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. Kaloku uThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Nakha nambona phi unyana ongaqeqeshwayo nguYise?
8 Ukuba ngaba aniqeqeshwa njengabo bonke oonyana, loo nto iya kuthetha ukuba aningabo oonyana ngenene, koko niyimigqakhwe.
9 Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile.