1 Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo.
2 Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
3 Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo.
4 Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.