17 Zithobeleni iinkokheli zenu, nizihloniphe, kuba azilali lixhala ngenxa yenu. Kaloku kufuneka zenze ingxelo yomsebenzi wazo kuThixo. Ke ukuba niyazihlonela, woba khaphukhaphu umsebenzi wazo. Kanti ungaba nzima, ningancedeki nani, ukuba anizihloneli.
18 Nam ndithandazeleni. Ndiqinisekile ukuba mna andinasazela nganto; kaloku ndisoloko ndinqwenela ukwenza okulungileyo maxa onke.
19 Nditsho ngenene ukuba ze nindithandazele, ukuze uThixo andibuyisele kuni kamsinyane.
20 UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi,
21 ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.
22 Mawethu, ze niwanyamezele la mazwi enkuthazo. Kambe yileta emfutshane nje le.
23 Umhlobo wethu uTimoti ukhululwe entolongweni. Ndiza kuza naye apho ukuba ukhawuleze wafika.