21 ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.
22 Mawethu, ze niwanyamezele la mazwi enkuthazo. Kambe yileta emfutshane nje le.
23 Umhlobo wethu uTimoti ukhululwe entolongweni. Ndiza kuza naye apho ukuba ukhawuleze wafika.
24 Umbuliso kwiinkokheli zenu, nakulo lonke usapho lukaThixo. Amakholwa aseItali ayabulisa.
25 Wanga uThixo anganenzela isisa nonke.