22 Mawethu, ze niwanyamezele la mazwi enkuthazo. Kambe yileta emfutshane nje le.
23 Umhlobo wethu uTimoti ukhululwe entolongweni. Ndiza kuza naye apho ukuba ukhawuleze wafika.
24 Umbuliso kwiinkokheli zenu, nakulo lonke usapho lukaThixo. Amakholwa aseItali ayabulisa.
25 Wanga uThixo anganenzela isisa nonke.