5 Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”
6 Masitsho singenadyudyu ke sithi:“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!Angandenza ntoni umntu?”
7 Khumbulani iinkokheli zenu zamandulo, ezanixelela ngodaba lukaThixo. Cingani ngobomi bazo nempumelelo yemigudu yazo, nilinganise ukholo lwazo.
8 UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
9 Nize ningakhukuliswa enyanisweni ziimfundiso ezingabhadlanga. Kulungile ukuba somelezwe lubabalo lukaThixo, yaye imithetho ngezinto emazityiwe nemazingatyiwa ayincedi nto, ayizange ibancede nabo bayigcinayo.
10 Elethu iqonga lamadini linjengeliya ababingeleli bonqulo lwamaSirayeli babengenalungelo lakutya kulo.
11 Njengoko nisazi, umbingeleli omkhulu ubengena negazi leenkomo neleebhokhwe kweyona ingcwele indawo, aze angxengxezele izono ngelo gazi. Kodwa inyama yazo yona ibitshiselwa ngaphandle.