2 Kaloku ukuba udaba olweza nezithunywa zezulu lwalulukhulu kangangokuba ukulutyeshela nokuludela bekuzisa isohlwayo esifaneleyo,
3 singaphuncuka njani ke thina xa siludela olungaka lona usindiso? YiNkosi ngokwayo eluvakalisileyo olu sindiso kuqala, baza ke abo bayivileyo babungqina ubunyani balo kuthi.
4 UThixo ke yena wongezelela ubungqina babo ngemiqondiso, imimangaliso, nangezenzo ezibonakalisa amandla akhe, ebanika neziphiwo zikaMoya oyiNgcwele ngohlobo athande ngalo.
5 UThixo kaloku akalinikanga izithunywa zakhe igunya lokulawula ilizwe elizayo – ngumxholo esithetha ngawo ke lowo.
6 Kukho indawo ekubhalwe kuyo *eziBhalweni kwathiwa:“Uyintoni na umntu, Thixo, le nto ude uzidube kangaka ngaye?Kutheni le nto ude uzikhathaze ngento nje engumntu?
7 Umbeke ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zakho.Umthe jize ngesihomo nesithozela.
8 Umnike igunya lokulawula zonke izinto.”Ukuba ke uThixo umnike igunya lokulawula zonke izinto, akukho nanye into engekho ngaphantsi kolawulo lwakhe. Kambe ke ngenene, asikaziboni zonke izinto ziphantsi kwegunya lomntu okwangoku.