1 Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu.
2 Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo.
3 Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis.
4 Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.