16 zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis.
17 Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango.
18 Ngoobani abo wabafungelayo uThixo esithi abasoze bangene ekuphumleni kwakhe? Wayexela abo bamvukeláyo.
19 Siyabona ke ukuba ababanga nako ukungena kuba bengakholwa.