5 Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo.
6 Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.
7 Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,
8 sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.
9 ‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.
10 Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.
11 Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”