1 Kaloku wonke umbingeleli omkhulu ukhethwa ebantwini, amiselwe ukuzakuza phakathi kwabantu noThixo. Unikela izipho namadini okungxengxezela izono.
2 Uyakwazi ukubanyamezela abo bazizityhifili nabo baphazamayo, kuba kaloku naye ngokwakhe unobuthathaka.
3 Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu.
4 Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.
5 Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:“Wena unguNyana wam;namhlanje ndikuzele.”
6 Kwenye indawo uthi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,oya kuhlala ehleli.”