3 Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu.
4 Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.
5 Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:“Wena unguNyana wam;namhlanje ndikuzele.”
6 Kwenye indawo uthi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,oya kuhlala ehleli.”
7 Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela.
8 Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela.
9 Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo,