9 Zihlobo zam ezithandekayo, nakuba ndithetha ngolu hlobo nje, ndeyisekile kukuba nikwimeko efanelekileyo elusindisweni.
10 Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.
11 Umnqweno wam kukuba nonke ngabanye ninga ningaqhubela phambili, nilubonakalisa olo langazelelo, lide lizaliseke ithemba lenu.
12 Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.
13 UThixo xa wayesenza isithembiso kuAbraham wazifunga kwayena; kaloku kwakungekho bani mkhulu kunaye wayengamfungayo.
14 Wenjenje ukuthetha: “Ndiya kukunisela amathamsanqa, sande sibe yinyambalala isizukulwana sakho.”
15 Ngenxa yomonde uAbraham wasizuza eso sithembiso.