1 Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu!
2 Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo abantu.
3 Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo.
4 Ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli konke. Kaloku apha bakho ababingeleli abanikela izipho ngokumiselwa ngumthetho kaMosis.
5 Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.”
6 Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
7 Ukuba ubungenagxeke umnqophiso wokuqala, bekungayi kubakho mfuneko yokuba ithathwe ngomnye indawo yawo.