1 Umnqophiso wokuqala wawunemimiselo eyayenzelwe unqulo. Wawunaso nesicamagushelo esasenziwe ngabantu.
2 Kaloku kwakukho intente eyenziweyo; igumbi layo lokuqala kwakusithiwa yindawo engcwele. Kulo kwakukho indawo yokubeka isibane, kukho netafile, kunye nesonka esinikelwe kuThixo.
3 Emva komkhusane wesibini kwakukho elinye igumbi. Le ndawo yona kwakusithiwa yeyona ndawo ingcwele.
4 Apho kwakukho iqonga legolide, elaliyindawo yesiqhumiso. Kwakukho netyesi yomnqophiso eyayiqatywe ngegolide. Ngaphakathi kuyo kwakukho isitya segolide esasiphethe *imana, kukho nenduku ka-Aron eyakha yantshula amagqabi, kukwakho namacwecwe omnqophiso.
5 Ngaphezu kwaloo tyesi kwakundanda imifanekiso *yezithunywa ezimaphiko ezibonakalisa isithozela nendili kaThixo, ithe naa amaphiko ngaphezu kwendawo yokucamagushela. Andizi kunika ncukacha ke ngalo mba.
6 Ngokwale nkqubo, ababingeleli babesoloko bengena kwelokuqala igumbi, baqhube khona iinkonzo zabo.