19 UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu,