3 UThixo wandityhilela icebo lakhe ebelingaziwa mntu, njengoko sendichazile ngokufutshane.
4 Xa nithe nayifunda ke, noba nako ukuyilandela indlela endiluqonda ngayo udaba olungoKrestu.
5 Kwizizukulwana ezingaphambili abantu abazange balwaziswe olu daba. Kodwa ngoku uThixo ulutyhilile ngaye uMoya oyiNgcwele, kubo *abathunywa *nabashumayeli bakhe.
6 Olu daba ke lolokuba iintlanga ziziindlamafa ndawonye namaJuda, zibandakanywe nawo. Bonke bayimbumba yamanyama. Nazo ziyabuxhamla ubuncwane bezithembiso zikaThixo ezenziwa kuYesu Krestu.
7 Zinjalo ke iindaba ezimnandi endingumququzeleli wazo ngenxa yesisa uThixo andenzele sona ngokusebenza kwamandla akhe.
8 Mna ndingoyena mncinane kubantu bakaThixo. Kodwa uThixo undinike ilungelo lokuba ndishumayele iindaba ezimnandi ezintlangeni, ndithethe ngobubele obungaphicothekiyo bukaKrestu,
9 ndiqondise bonke abantu indlela esebenza ngayo imfihlelo yecebo likaThixo. UThixo onguMdali wezinto zonke walifihla eli cebo kuwo onke amaphakade adluleyo,